Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Yeziganeko 13:1-7 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke kaloku ngonyaka weshumi elinesibhozo wolawulo lukaJerobhowam, uAbhiya waba ngukumkani wakwaJuda,

2. waza ke walawula eJerusalem iminyaka emithathu. Unina yayinguMahaka intombi kaUriyeli waseGibheya.Yayisoloko iyimfazwe phakathi koAbhiya noJerobhowam.

3. UAbhiya walwa noJerobhowam, uAbhiya enomkhosi wamawaka angamakhulu amane amajoni angoompondo-zihlanjiwe. Ke uJerobhowam wangena kuloo mfazwe enomkhosi ongamakhulu asibhozo amawaka amajoni aziimbalasane.

4. UAbhiya wema kwintaba iZemarayim kwelo leentaba lakwaEfrayim, waza wathi: “Phulaphulani, Jerobhowam nani nonke maSirayeli!

5. Ngaba anazi na ukuba *uNdikhoyo uThixo wakwaSirayeli umbuso wakwaSirayeli wawunikela kwindlu kaDavide nesizukulwana sayo ngomnqophiso wetyuwa oya kuma ngonaphakade?

6. Kambe ke yena uJerobhowam unyana kaNebhati owayeliphakathi likaSolomon unyana kaDavide wasuka wavukelana nenkosi yakhe.

7. Iqedlana leendlavini lasuka langakuye, lachasana noRehobhowam unyana kaSolomon, bamvuyelela kuba eselula, engekabi namava, futhi engekomeleli ukuba abe nokuchasana naye.

funda isahluko epheleleyo 2 Yeziganeko 13