Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Yeziganeko 11:6-15 Ibhayibhile (XHO96)

6. Wahlaziya iBhetelehem, iEtam, iTekowa,

7. iBhete-zure, iSoko, iAdulam,

8. iGati, iMeresha, iZifi,

9. iAdorayim, iLakishe, iAzeka,

10. iZoram, iAyalon, neHebron. Ezi yayiziidolophu ezinqatyisiweyo kwaJuda nakwaBhenjamin.

11. Wazomeleza iinqaba zazo, wafaka iingqwayi-ngqwayi kuzo nesixhaso sokutya, amafutha omnquma, newayini.

12. Kuzo zonke ezi zixeko wabeka amakhaka nemikhonto, wazitsho zomelela kunene. Ngoko ke uJuda noBhenjamin yaba ngabakhe.

13. Ke kaloku ababingeleli nabaLevi bazo zonke izithili bawelela ngakuye.

14. AbaLevi bayishiya imihlaba yabo ngokunjalo namadlelo abo, baya kwaJuda naseJerusalem, kuba uJerobhowam noonyana bakhe babubukula ububingeleli babo ngokumiselwa *nguNdikhoyo.

15. Wasuka wamisela abakhe ababingeleli ukuze basebenze kwiindawo eziphakamileyo zonqulo nakwimifanekiso yebhokhwe neyethole awayeyenzile.

funda isahluko epheleleyo 2 Yeziganeko 11