Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Yeziganeko 11:13-19 Ibhayibhile (XHO96)

13. Ke kaloku ababingeleli nabaLevi bazo zonke izithili bawelela ngakuye.

14. AbaLevi bayishiya imihlaba yabo ngokunjalo namadlelo abo, baya kwaJuda naseJerusalem, kuba uJerobhowam noonyana bakhe babubukula ububingeleli babo ngokumiselwa *nguNdikhoyo.

15. Wasuka wamisela abakhe ababingeleli ukuze basebenze kwiindawo eziphakamileyo zonqulo nakwimifanekiso yebhokhwe neyethole awayeyenzile.

16. Kuzo zonke izindlu zikaSirayeli abantu ababezimisele ukulandela uNdikhoyo uThixo kaSirayeli bemka nabaLevi, baya eJerusalem, ukuze banikele amadini kuNdikhoyo uThixo wooyise.

17. Bawomeleza umbuso wakwaJuda, bamxhasa uRehobhowam unyana kaSolomon iminyaka yamithathu, behamba ngeendlela ababehamba ngazo besaphila uDavide noSolomon.

18. URehobhowam wathatha uMahalati intombi yonyana kaDavide uJerimoti kunye noAbhihayili intombi yonyana kaJese uEliyabhi.

19. Wamzalela la madodana: uJewushe, uShemariya, noZahama.

funda isahluko epheleleyo 2 Yeziganeko 11