Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Yeziganeko 11:1-13 Ibhayibhile (XHO96)

1. Akufika eJerusalem uRehobhowam waqokelela indlu kaJuda nekaBhenjamin – amawaka alikhulu elinamashumi asibhozo ewonke amadoda omkhosi – ukuze alwe noSirayeli alubuyisele ulawulo kuRehobhowam.

2. Kambe ke kwafika eli lizwi *likaNdikhoyo kuShemaya umfo wakwaThixo lisithi:

3. “Thetha noRehobhowam unyana kaSolomon ukumkani wakwaJuda namaSirayeli onke kwaJuda nakwaBhenjamin, uthi:

4. ‘Utsho uNdikhoyo ukuthi: Musani ukuya kulwa namawenu. Godukani nonke ngabanye, kuba le nto yenziwe ndim.’ ” Ngoko ke bawathobela amazwi kaNdikhoyo, babuya ekuhlaseleni uJerobhowam.

5. URehobhowam wema eJerusalem, waza wazihlaziya wazakha iidolophu ezithile ukukhusela uJuda.

6. Wahlaziya iBhetelehem, iEtam, iTekowa,

7. iBhete-zure, iSoko, iAdulam,

8. iGati, iMeresha, iZifi,

9. iAdorayim, iLakishe, iAzeka,

10. iZoram, iAyalon, neHebron. Ezi yayiziidolophu ezinqatyisiweyo kwaJuda nakwaBhenjamin.

11. Wazomeleza iinqaba zazo, wafaka iingqwayi-ngqwayi kuzo nesixhaso sokutya, amafutha omnquma, newayini.

12. Kuzo zonke ezi zixeko wabeka amakhaka nemikhonto, wazitsho zomelela kunene. Ngoko ke uJuda noBhenjamin yaba ngabakhe.

13. Ke kaloku ababingeleli nabaLevi bazo zonke izithili bawelela ngakuye.

funda isahluko epheleleyo 2 Yeziganeko 11