4. “Uyihlo wabeka idyokhwe enzima phezu kwethu. Kambe ke wena xa unokuwenza lula umthwalo ebesiwubekwe nguyihlo, ewe kanye idyokhwe enzima abeyibeke phezu kwethu, sokukhonza.”
5. Ke uRehobhowam wathi: “Ze nibuye nize apha kum emva kweentsuku ezintathu.” Bemka ke abantu abo.
6. Ke ukumkani uRehobhowam wathetha-thethana namadoda amakhulu awayebusa kuyise uSolomon ngexesha lokudla kwakhe ubomi, wathi: “Nicebisa ngelithini na nina ukuze ndibaphendule aba bantu?”
7. Ke wona aphendula athi: “Ukuba uthe wanobubele kwaba bantu, wazama ukubanelisa, wathetha kakuhle nabo, baya kusoloko bezizicaka zakho.”