Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Yeziganeko 10:1-8 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke kaloku uRehobhowam waya eShekem, kuba onke amaSirayeli ayeye khona ukuze ammisele abe ngukumkani.

2. Uthe ke akuyiva loo nto uJerobhowam unyana kaNebhati, wasuka wabuya apho eJiputa – kaloku wayeseseJiputa oko wayebaleke ukumkani uSolomon.

3. Ewe, bamthumelela uJerobhowam, waza yena noSirayeli ephela baya kuRehobhowam, bathi kuye:

4. “Uyihlo wabeka idyokhwe enzima phezu kwethu. Kambe ke wena xa unokuwenza lula umthwalo ebesiwubekwe nguyihlo, ewe kanye idyokhwe enzima abeyibeke phezu kwethu, sokukhonza.”

5. Ke uRehobhowam wathi: “Ze nibuye nize apha kum emva kweentsuku ezintathu.” Bemka ke abantu abo.

6. Ke ukumkani uRehobhowam wathetha-thethana namadoda amakhulu awayebusa kuyise uSolomon ngexesha lokudla kwakhe ubomi, wathi: “Nicebisa ngelithini na nina ukuze ndibaphendule aba bantu?”

7. Ke wona aphendula athi: “Ukuba uthe wanobubele kwaba bantu, wazama ukubanelisa, wathetha kakuhle nabo, baya kusoloko bezizicaka zakho.”

8. Kambe ke uRehobhowam walikhaba eli cebiso alinikwa ngamadoda amakhulu, waza wathetha-thethana nabafana abaziintanga zakhe, ababembusa.

funda isahluko epheleleyo 2 Yeziganeko 10