Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Yeziganeko 1:2-7 Ibhayibhile (XHO96)

2. Ke uSolomon wathetha noSirayeli ewonke, iingqwayi-ngqwayi zamabutho aliwaka nalikhulu, abagwebi, nawo onke amadoda aphambili kwaSirayeli kunye neenkulu zezindlu.

3. Yena uSolomon nebandla lonke baya endaweni ephakamileyo yonqulo eGibheyon, kuba kaloku yayilapho intente *yesibingelelo yokuhlangana noThixo, leyo yayenziwe nguMosis isicaka sikaNdikhoyo entlango.

4. Kaloku yena uDavide wayeyithathile ityesi kaThixo eKiriyati-yarim waya nayo kuloo ndawo wayeyilungiselele yona, njengoko wayeyimisele intente eJerusalem.

5. Kodwa lona iqonga lamadini lobhedu elalenziwe nguBhezaleli unyana kaUri unyana kaYuri laliseseGibheyon phambi kwesibingelelo sikaNdikhoyo. Ngoko ke uSolomon nebandla elo babuzisa kuNdikhoyo khona apho.

6. Ewe, uSolomon waya kuNdikhoyo kwelo qonga lobhedu apho esibingelelweni sokuhlangana noNdikhoyo, wanikela kuso apho amadini atshiswayo aba liwaka.

7. Ngobo busuku uThixo wabonakala kuSolomon, wathetha naye wathi: “Cela nantoni na ofuna ndikuphe yona.”

funda isahluko epheleleyo 2 Yeziganeko 1