USolomon waqokelela iinqwelo namahashe; ishumi elinesine lamakhulu eenqwelo, neshumi elinesibini lamawaka amahashe; zinto ezo wazigcina kwizixeko zeenqwelo, ezinye ke wazigcina kwakumkani eJerusalem.