UZibha wathi kukumkani: “Isicaka sakho siya kukwenza konke umhlekazi inkosi yam asiyalela isicaka sakhe ukuba sikwenze.” Ke uMefibhoshete wayesitya etafileni kaDavide ngokungathi ungomnye woonyana bakakumkani.