Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Kasamweli 8:1-6 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke kaloku ekuhambeni kwexesha uDavide wawahlasela amaFilistiya, wawoyisa, wabuhlutha ubukhosi esandleni sawo.

2. Ngokunjalo wawoyisa namaMowabhi. Uwalalise phantsi emhlabeni, wathatha intambo, wawalinganisa ngayo, isibini sobude bawo wasibulala, ke sona esesithathu sisonke wasiyeka saphila. AmaMowabhi aba phantsi kukaDavide ke, amnika imirhumo.

3. Kananjalo uDavide walwa nokumkani waseZobha uHadadizere unyana kaRehobhi, xa kanye wayezama ukubuyisela ulawulo lwakhe kummandla womlambo iEfrati.

4. UDavide wathimba iwaka leenqwelo zakhe, kunye namawaka asixhenxe abakhweli-mahashe, ngokunjalo namashumi amabini amawaka amajoni ahamba ngeenyawo. Amahashe ke wawanqumla imisipha, washiya amahashe eenqwelo alikhulu.

5. Athe ke ama-Aram aseDamasko akuzama ukuncedisa uHadadizere ukumkani waseZobha, wasuka uDavide wabulala amashumi amabini anambini amawaka awo.

6. Wasuka ke wabeka amabutho akhe kuwo wonke umbuso wama-Aram aseDamasko, ahlala ephantsi kwakhe, akhupha imirhumo kuye. UDavide wanikwa uloyiso nguNdikhoyo konke apho ahamba khona.

funda isahluko epheleleyo 2 Kasamweli 8