Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Kasamweli 7:1-5 Ibhayibhile (XHO96)

1. Akuba ukumkani ezinzile kwikomkhulu lakhe, *noNdikhoyo emnike ukuphumla kuzo zonke iintshaba ezimnqongileyo,

2. wathetha *nomshumayeli uNatan wathi: “Khangela, mna ndihlala kwibhotwe elakhiwe ngamaplanga omsedare, ukanti yona ityesi kaThixo ihlala nje ententeni!”

3. UNatan wathi kukumkani: “Nantoni na oyicingayo qhubela phambili uyenze, kuba uNdikhoyo unawe.”

4. Ngobo busuku ke lafika kuNatan ilizwi likaNdikhoyo lisithi:

5. “Hamba, uye kuxelela isicaka sam uDavide uthi: ‘Utsho uNdikhoyo ukuthi: Ngaba iya kuba nguwe na ondakhela indlu endiya kuhlala kuyo?

funda isahluko epheleleyo 2 Kasamweli 7