UDavide ke wakhela uNdikhoyo iqonga lamadini apho, waza wenza amadini atshiswayo kunye nawobudlelwana. Wakuva uNdikhoyo ukuthandazelwa kwelizwe, satsho saphela isibetho sikabhubhani kwaSirayeli.