Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Kasamweli 23:9-20 Ibhayibhile (XHO96)

9. Olandelayo nguElazare unyana kaDodo umAhoyi. Engomnye wamagorha amathathu nje, yena wayekunye noDavide xa bacela umngeni kumaFilistiya awayeze edabini. Abuya umva amaSirayeli,

10. kodwa yena wangena kuwo amaFilistiya, wabetha sada isandla sakhe sagogeka yinkantsi, watsho akabi nako ukuliyeka ikrele lakhe. *UNdikhoyo watshatshela edabini loo mini. Igalelo labalandeli bakaElazare kwelo dabi yaba kukuthimba impahla yabawileyo.

11. Olandelayo nguShama unyana ka-Age waseHarari. Waqubisana namaFilistiya eLehi ngasentsimini yeentlumayo. Abaleka amaSirayeli,

12. wema yena uShama, walwa ekhusela loo ntsimi, afa amaFilistiya, watshatshela uNdikhoyo.

13. Kwakha kwathi kanye xa kusondela ixesha lokuvuna, kwasuka isithathu kuloo madoda angamashumi amathathu aziintloko zomkhosi kaDavide, saya kuye kumqolomba waseAdulam, lo gama wona umkhosi wamaFilistiya umise ngakwintili yamaRafa.

14. Ngelo xesha uDavide wayesezintabeni kwindawo enqabileyo, kukho ibutho lamaFilistiya eBhetelehem.

15. UDavide wanxanwa, waza wathi: “Akwaba bekungakho mntu undiphathela amanzi kwelaa qula lingasesangweni eBhetelehem.”

16. Loo magorha mathathu ke atyhoboza apho kuloo maFilistiya, aya kukha amanzi apho kwelo qula lingasesangweni eBhetelehem, abuya nawo, awanika uDavide. Kambe ke uDavide wala ukuwasela, ndaweni yaloo nto wawachitha, esenza umnikelo ngawo kuNdikhoyo, esithi:

17. “Andinakuze ndiwasele la manzi, Ndikhoyo. Loo nto ingafana nqwa nokusela igazi lala madoda abubeke esichengeni ubomi bawo.” UDavide wala ukuwasela loo manzi.Zazinjalo ke izigigaba zaloo magorha mathathu.

18. UAbhishayi, umntakwabo-Jowabhi, onina unguZeruya, yayinguye inkokheli yamashumi amathathu amagorha. Yena ngomkhonto wakhe walwa namadoda angamakhulu amathathu, wawabulala, watsho wabalasela njengaloo magorha mathathu.

19. Ewe, waba yimbalasane njengaloo magorha mathathu, waba yinkokheli yelo qela lingamashumi amathathu, noxa engabandakanywanga kuloo magorha mathathu.

20. Enye indoda eyayitshatshele ngemisebenzi yobugorha nguBhenaya unyana kaJoyada waseKabhezeli. Yena wabulala iintshatsheli zamaMowabhi ezimbini. Kwakhona ngemini ekwakukhithika ngayo waya kungena emhadini, wabulala khona ingonyama.

funda isahluko epheleleyo 2 Kasamweli 23