Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Kasamweli 21:14-22 Ibhayibhile (XHO96)

14. Bawafaka engcwabeni likaKishe uyise kaSawule amathambo kaSawule noJonatan eZela kummandla wakwaBhenjamin njengokomthetho kakumkani. Emva koko uThixo wayiva imithandazo yabo bethandazela ilizwe.

15. Kwavuka enye imfazwe phakathi kwamaFilistiya namaSirayeli, wanduluka uDavide waya kulwa namaFilistiya enamadoda akhe. Balwa ke namaFilistiya, waza uDavide wadinwa kakhulu.

16. Wasuka uIshbhi-bhenobhi wenzala kaRafa, ephethe umkhonto wobhedu obunzima bungaphezu kweekhilogram ezintathu, enekrele elitsha, wafuna ukubulala uDavide.

17. Waza uAbhishayi, unyana kaZeruya, waya kunceda uDavide. Ufike wamhlasela loo mFilistiya, wamosela. Emva koko amadoda kaDavide enza isifungo athi: “Unakanye ukuba uphinde uye edabini kunye nathi, hleze isibane sakwaSirayeli sicinywe.”

18. Emva kwelo dabi kwabakho elinye idabi namaFilistiya eGobhi, apho uSibhekayi waseHusha wabulala uSafu wenzala kaRafa.

19. Kuphinde kwabakho elinye idabi kunye namaFilistiya kwaseGobhi apho, waza uEl-hanani, unyana kaJayire umluki waseBhetelehem, wabulala khona uGoliyati waseGati owayephethe umkhonto ongangesibonda.

20. Kubekho elinye idabi eGati, apho kwakukho ingxilimbela eyayikuthanda kunene ukulwa. Yayiyinto eminwe mithandathu kwisandla ngasinye, ineenzwane ezintandathu kunyawo ngalunye, amashumi amabini anesine ukutsho. Nayo yayiyinzala kaRafa.

21. Yawathuka amaSirayeli, yabulawa nguJonatan unyana kaShama umntakwabo-Davide.

22. Bobane aba babeyinzala kaRafa eGati. Babulawa nguDavide namadoda akhe.

funda isahluko epheleleyo 2 Kasamweli 21