Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Kasamweli 2:1-5 Ibhayibhile (XHO96)

1. Emva koko uDavide wabuzisa *kuNdikhoyo wathi: “Ndingaya kuhlala na kwesinye sezixeko zakwaJuda?”UNdikhoyo wathi: “Yiya.”Wabuza uDavide wathi: “Mandiye phi?”Wathi uNdikhoyo: “Yiya eHebron.”

2. Wahamba ke uDavide kunye nabafazi bakhe ababini uAhinowam waseYizereli kunye noAbhigeli owayengumhlolokazi kaNabhali waseKarmele.

3. Wahamba nawo amadoda akhe uDavide, aya kuhlala neentsapho zawo kummandla waseHebron.

4. Afika ke amadoda akwaJuda, eze kumthambisa uDavide apho eHebron ukuba abe ngukumkani wakwaJuda.Zithe zakufika kuDavide iindaba zokuba abantu baseJabheshe eGiliyadi bamngcwabile uSawule,

5. wathumela izigidimi kubo, wathi: “Wanga uNdikhoyo anganithamsanqela ngesenzo esihle sokubonakalisa intembeko ngokungcwaba inkosi yenu uSawule.

funda isahluko epheleleyo 2 Kasamweli 2