Ukumkani wathi kubo: “Kulungile ke, mandenze loo nto ikholekileyo kuni.” Wema ngasesangweni, ewajongile ukunduluka kwawo, ephuma engamaqela amajoni alikhulu naliwaka.