Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Kasamweli 16:21-23 Ibhayibhile (XHO96)

21. UAhitofele wathi kuAbhasalom: “Yiya kungena kumaqadi kayihlo, lawa awagcinise ibhotwe. Ngaloo ndlela indlu yonke kaSirayeli iya kuqonda ukuba uzinukisile kuyihlo, babe nesibindi ke ngoko abakulandelayo.”

22. Kwamiswa intente phezu kophahla lwebhotwe, waza uAbhasalom wawangena amaqadi kayise ejongwe ngamaSirayeli onke.

23. Icebo lika-Ahitofele lalithathwa njengelizwi elivela kuThixo ngenkqu. Lalingadli ngakuwa phantsi kuDavide, kanti nakuAbhasalom kwakukwanjalo.

funda isahluko epheleleyo 2 Kasamweli 16