Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Kasamweli 13:23-37 Ibhayibhile (XHO96)

23. Emva kweminyaka emibini uAbhasalom waba netheko lokuhlinzeka abachebi bakwakhe. Wayelenzela eBhali-hazore engasemdeni welakwaEfrayim. Wayememele bonke oonyana bakakumkani kwelo theko.

24. Usuke waya kukumkani uDavide uAbhasalom, wafika wathi: “Mhlekazi, kuyachetywa phaya kwam, ke bendinqwenela ukuba umhlekazi namaphakathi akhe babekho kwitheko eliza kwenziwa.”

25. Ukumkani wathi kuAbhasalom: “Hayi, mfo wam, masingayi sonke, hleze wonganyelwe ngumsebenzi xa silapho sonke.” Waba ngacenga uAbhasalom, akavuma uDavide. Ndaweni yaloo nto suka wamndulula ngokumthamsanqela.

26. Ke uAbhasalom wathi: “Xa ungavumiyo wena, bawo, umntakwethu uAmnon ngewumkhulula yena ahambe nathi.”Ukumkani wathi kuye: “Ahambele ntoni nawe?”

27. Wacenga uAbhasalom, wada wavuma uDavide ukukhulula uAmnon ahambe noonyana bonke bakakumkani.

28. UAbhasalom wafika wayalela izicaka zakhe ngelithi: “UAmnon lo nize nimqaphele, nimbone ukuba seleyobile yiwayini, nimgwaze afe ndakutsho kuni ukuthi: ‘Mbulaleni uAmnon!’ Ze ningoyiki, kutsho mna, niyeva! Ze niqine, nikhaliphe.”

29. Hayi ke, izicaka zika-Abhasalom zenza ngokomyalelo wenkosi yazo uAbhasalom. Bonke oonyana bakakumkani bathi khwasu bakhwela iimbongolo zabo, babaleka.

30. Zafika kuDavide besesendleleni egodukayo ezo ndaba zithi: “UAbhasalom ubabulele bonke oonyana bakakumkani, akwasala noba abe mnye.”

31. Ukumkani wathi khwasu kwangoko, wakrazula izambatho zakhe, waqungquluza emhlabeni. Amaphakathi akhe onke nawo azikrazula ezawo izambatho emi ngakuye.

32. Kwesi sithuba kuvele uYonadabhi unyana kaShama umntakwabo-Davide, wathi: “Umhlekazi makangeva kusithiwa babulewe bonke oonyana bakhe; kufe uAmnon yedwa. Loo nto yenzeka kuba uAbhasalom wagqiba kwangalaa mhla uAmnon wadlwengula udade wabo ukuba uya kuze ambulale.

33. Ngoko ke umhlekazi makangazihluphi ngokucinga okokuba oonyana bakhe bafe bonke. Hayi, nguAmnon yedwa lo ufileyo.”

34. Ke yena uAbhasalom wabaleka wabhaca.Ke umlindi wabona ihlokondiba labantu lisihla intaba, lihamba ngendlela evela eHoronayim.

35. Waza uYonadabhi wathi kukumkani: “Khangela, nabaya besiza oonyana bakakumkani. Kunjengoko besitshilo isicaka sakho.”

36. Uthe esakhova nje ukuthetha, bagaleleka oonyana bakakumkani, basitsho isikhalo. Wangenelela ukumkani, amaphakathi nawo angenelela, bonke batsho ngesikrakra.

37. UAbhasalom wabalekela kuTalmayi, unyana ka-Amihudi, owayengukumkani waseGeshuri. UDavide wamzilela mihla le uAmnon unyana wakhe.

funda isahluko epheleleyo 2 Kasamweli 13