Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Kasamweli 12:26-30 Ibhayibhile (XHO96)

26. Ke kaloku uJowabhi wahlasela iRabha, ikomkhulu lama-Amon, wathimba umzi wakomkhulu.

27. Emva koko uthumele izigidimi ukuba ziye kwazisa uDavide zithi: “Ndiyihlasele iRabha, ndawathimba namadama ayo anqatyisiweyo.

28. Ngoku ke ukumkani kufuneka ahlanganise umkhosi, aze kusithatha isixeko, hleze ibe ndim osithimbayo, sibe sesam.”

29. Wathatha wonke umkhosi wakhe ke uDavide, waya eRabha, wayihlasela, wayithimba.

30. UDavide wasothula isithsaba esasisentloko yokumkani wama-Amon. Sasibunzima bumalunga namashumi amathathu anantlanu eekhilogram, senziwe ngegolide, sihonjiswe ngamatye axabisekileyo. Wasithweswa eso sithsaba uDavide. Wathatha amaxhoba amaninzi kweso sixeko,

funda isahluko epheleleyo 2 Kasamweli 12