Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Kasamweli 10:7-17 Ibhayibhile (XHO96)

7. Akuyiva loo nto uDavide wakhupha uJowabhi nomkhosi wonke wamagorha.

8. Ama-Amon aphuma akha uhlelo lokulwa ngasesangweni lesixeko. Ama-Aram aseZobha nawaseRehobhi, namadoda aseTobhi naseMaka, athi gingqi odwa phaya ethafeni.

9. Ke kaloku uJowabhi wabona ukuba uphahlwe ngumkhosi ngaphambili nangasemva. Ngoko ke wakhetha awona mabutho aphambili kwaSirayeli, wawamisa ajongana nama-Aram.

10. Elinye icandelo lomkhosi walinika umntakwabo uAbhishayi, waza wawahlela loo madoda ajongana nama-Amon.

11. UJowabhi wathi: “Ukuba athe andongamela ama-Aram la, kofuneka uze kundihlangula; ukanti ke xa ethe akongamela ama-Amon, nam ndoza kukuhlangula.

12. Uze uqine, silwe ngobukroti, ngenxa yabantu bethu, nangenxa yezixeko zikaThixo. UNdikhoyo uya kwenza oko kukholekileyo kuye.”

13. UJowabhi namabutho akhe bafunza kuwo ama-Aram, aza wona abaleka.

14. Athe ke ama-Amon akubona ama-Aram ebaleka, asuka nawo abaleka angena ngaphakathi esixekweni, esaba kuAbhishayi umntakwabo-Jowabhi. Ngoko ke uJowabhi wabuya ekulweni nama-Amon, waya eJerusalem nomkhosi wakhe.

15. Akubona ukuba oyisiwe ngamaSirayeli, ama-Aram aphinda aqokelelana.

16. Ukumkani uHadadizere wathi makulandwe ama-Aram angaphesheya komlambo iEfrati. Aya kuma eHelam, ekhokelwa nguShobhaki, injengele yomkhosi kakumkani uHadadizere.

17. Akuva olo daba uDavide wawuqokelela wonke umkhosi wakwaSirayeli, wawela nawo umlambo iJordan, waya kutsho eHelam. Ama-Aram akha uluhlu lokulwa noDavide, zaza zanqoza.

funda isahluko epheleleyo 2 Kasamweli 10