Testamente Endala

Testamente Entsha

2 Kasamweli 1:18-27 Ibhayibhile (XHO96)

18. Wathi kufuneka bayifundiswe bonke abemi bakwaJuda, ibe yingoma yesaphetha. (Ibhalwe kwiNcwadi kaYashare.) Ithi loo ngoma:

19. “Awu! Itshoba lilel' umbethe kwiimbalasane zakwaSirayeli!Awil' amagorha akuthi phaya endulini!

20. “Ze ningayithethi le ntlekele eGati,ningayidizi nasezitalatweni zaseAshkelon;hleze sihlekwe ziintombi zamaFilistiya;hleze zivuye iintombi zeentlanga ezingalukiyo.

21. “Hoyina, zintaba zaseGilibhowa!Mawunibukul' umbethe ngokunjalo nemvula,uz' umhlab' uhlal' ungumqwebedu,ungavelisi umnikelo wengqolowa.Kaloku lahlazek' apho kun' ikhaka lenqeberh' enkulu;kungokunje alisawev' amafutha ikhaka likaSawule.

22. Kwajub' ugodo lutolo lukaJonatan,lenz' iziqweng' ikrele likaSawule,kwaw' izigantsontso luqikilek' utshaba.

23. “Ziinzwana, ziintandane uSawule noJonatan;ngumtya nethunga behleli, befile.Asingomendu, kuncam' ixhalanga;ziingwanzilili, bodlul' iingonyama.

24. “Gixani, zintombi zakwaSirayeli, nililel' uSawuleowayenambes' ezimbeje-mbeje zon' iingubo,ehombis' izambatho zenu ngegolide.

25. “Awu! Ewe, awil' amagorh' amakhulu,itshoba lalal' umbeth' esedabini.Ukhahlelwe phantsi uJonatan phaya endulini.

26. Kubuhlung' ukushiywa nguwe, Jonatan, mfo wethu!Ubuyinceke, intandane kum.Uthando lwakho kum beluncamisile;beludlul' uthando lwentombazana.

27. “Awu! Ngenene, itshoba lilel' umbethe kumagorh' akuthi;nezo zikrweqe zemfazwe zifane zalal' umhlwa.”

funda isahluko epheleleyo 2 Kasamweli 1