Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kasamweli 9:17-22 Ibhayibhile (XHO96)

17. Wathi uSamweli akumthi ntla uSawule, uNdikhoyo wathi kuye: “Nguloo mfana ke lowo bendithetha ngaye. Nguye oza kulawula abantu bam.”

18. Wasuka uSawule waya kuSamweli owayesesangweni, wafika wathi: “Khawutsho, bawo, singayifumana phi imboni apha?”

19. Uphendule ngelithi uSamweli: “Ndim loo mboni. Hambani apha phambi kwam, siye phaya kulaa ndawo kunqulelwa kuyo, nidle kunye nam namhlanje. Loo nto nize ngayo ndoyichaza ngomso, ndinikhulule ke, nihambe.

20. Musani kuba sazikhathaza ngeedonki eziyâ bezilahlekile izolo elinye; sezifunyenwe. Ngubani na oza kuzuza elona wonga kwaSirayeli? Asinguwe na nomzi kayihlo uphela?”

21. USawule uthe ukuphendula: “Mna ndingowakwaBhenjamin, esona sizwe sincinane kwaSirayeli, yaye nabesiduko sakowethu ngowona mzi uphantsi kweso sizwe. Kungani na ukuba uthethe nam ngolu hlobo?”

22. USamweli wabangenisa ooSawule nesicaka sakhe egumbini elikhulu, wabahlalisa ezihlalweni zabona bahloniphekileyo phambi kwezinye iindwendwe ezimenyiweyo ezazimalunga namashumi amathathu.

funda isahluko epheleleyo 1 Kasamweli 9