Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kasamweli 8:16-22 Ibhayibhile (XHO96)

16. Izicaka nezicakakazi zenu, neenkabi zenu, ezona zintle, kwakunye needonki zenu, wozithimba zisebenzele yena.

17. Isishumi semihlambi yenu wofuna siye kuye; lilonke niya kuba zizicaka zakhe.

18. Nakuba nimfumene kwanina niya kumkhalazela loo kumkani nimtyumbileyo. Ke yena uNdikhoyo akayi kuba saniphulaphula.”

19. AmaSirayeli akazange amphulaphule uSamweli, suka athi: “Hayi, sifuna ukulawulwa ngukumkani thina.

20. Xa kunjalo sofana nazo zonke ezinye iintlanga, sibe nokumkani osikhokelayo nasemfazweni.”

21. Wayiphulaphula yonke loo ntetho yabo uSamweli, waza waya kuyithetha ezindlebeni zikaNdikhoyo.

22. UNdikhoyo waphendula wenjenje: “Kulungile ke, banike ukumkani.”USamweli ke uthe kumaSirayeli: “Makhe nigoduke, madoda.”

funda isahluko epheleleyo 1 Kasamweli 8