Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kasamweli 7:15-17 Ibhayibhile (XHO96)

15. USamweli waba yinkokheli yamaSirayeli bonke ubomi bakhe.

16. Minyaka le wayedla ngokwenza umjikelo, aye eBhetele, eGiligali, naseMizpa, afike apho alamle iimbambano zabantu.

17. Ukusuka apho wayegoduka aye eRama, apho wayefika alamle nakhona. Apho eRama kulapho wakha iqonga lokwenzela uNdikhoyo amadini.

funda isahluko epheleleyo 1 Kasamweli 7