Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kasamweli 6:8-21 Ibhayibhile (XHO96)

8. Ityesi yomnqophiso kaNdikhoyo ze niyilayishe kuloo nqwelo, nize ecaleni layo nibeke ibhokisi enalaa mifuziselo yenziwe ngegolide, leyo ningxengxeza ngayo kuye. Nize ke iimazi niziyeke zizihambele.

9. Ze nijonge ke. Xa inqwelo ithe yasinga kowayo ngaseBhete-shemeshe, soqonda ngaloo nto ukuba kuthe kanti nguThixo kaSirayeli lo usithumele le ntlekele. Kodwa ke ukuba ayiyanga ngakhona siya kwazi ukuba asinguye obesithuthumbisa, yinto nje efane yehla.”

10. AmaFilistiya enze njengoko ayeyalelwe. Abopha iimazi zambini, awavalela esibaya amankonyane.

11. Ayilayisha ityesi yomnqophiso enqweleni, ayilayisha naloo bhokisi iphethe imifuziselo yeempuku namathumba eyenziwe ngegolide.

12. Zenjenjeya ukusinga ngaseBhete-shemeshe ezo mazi, zithe ngqo endleleni, zihamba zinxakama njalo, zingatyekeli ngasekhohlo nasekunene. Zona iinkosi zamaFilistiya zazilandela zada zaya kuma ngomda waseBhete-shemeshe.

13. Ukuthi gqi kwayo ityesi yomnqophiso abantu baseBhete-shemeshe babesentlanjeni, bevuna ingqolowa. Yeka ke imincili yabo bakuyibona ityesi yomnqophiso!

14. Loo nqwelo yaya kuma malunga nelitye elikhulu entsimini yomfo ekwakusithiwa nguYoshuwa waseBhete-shemeshe. Bayinqunqa yaziinkuni loo nqwelo, baxhela nezo mazi, benzela ngazo uNdikhoyo idini elitshiswayo.

15. AbaLevi bayithula ityesi yomnqophiso kunye naloo bhokisi yayinemifuziselo eyenziwe ngegolide, bazibeka phezu kwelo litye likhulu. Abemi baseBhete-shemeshe benzela uNdikhoyo iminikelo kunye namadini atshiswayo.

16. Emva kokuba zibukele iinkosi zamaFilistiya zabuyela e-Ekron kwangaloo mini.

17. AmaFilistiya ayethumele imifuziselo yamathumba emihlanu enziwe ngegolide, engxengxeza ngayo kuNdikhoyo. Umfuziselo ngamnye wawumele isixeko. Ezo zixeko yayiyiAshdode, iGaza, iAshkelon, iGati, kunye ne-Ekron.

18. Bathumela kwanemifuziselo yeempuku ezenziwe ngegolide. Impuku nganye yayimele isixeko ngasinye sezo nkosi zintlanu zamaFilistiya, nditsho izixeko ezibiyelweyo kunye neziphaluka zazo. Elo litye lalisentsimini kaYoshuwa waseBhete-shemeshe lisemi apho unanamhla oku, libubungqina bento eyehla apho.

19. UNdikhoyo wababetha abemi baseBhete-shemeshe, kwafa abangamashumi asixhenxe, kuba kaloku basuka bayijonga ityesi yomnqophiso. Kwazilwa ngabemi balapho, kuba uNdikhoyo ebhubhise abantu abaninzi kangaka.

20. Abemi baseBhete-shemeshe bathi: “Kambe ke ngubani onako ukuma phambi *koNdikhoyo, lo Thixo wahluke kangaka? Singayithumela phi ityesi yakhe ukusuka apha?”

21. Bathumela izigidimi eKiriyati-yarim ukuba ziye kuthi kubemi balapho: “Ayibuyisile amaFilistiya ityesi yomnqophiso. Yizani niyiphuthume.”

funda isahluko epheleleyo 1 Kasamweli 6