Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kasamweli 6:1-8 Ibhayibhile (XHO96)

1. Yaba ziinyanga ezisixhenxe ityesi yomnqophiso *kaNdikhoyo ikwelamaFilistiya.

2. Andula ke amaFilistiya ukubiza ababingeleli noosiyazi balapho, bathi kubo: “Masiyithini na ityesi kaNdikhoyo? Kufuneka sithini na ukuyigodusa?”

3. Baphendula ababingeleli noosiyazi bathi: “Kaloku xa niyigodusa ityesi yoThixo wamaSirayeli, kufuneka ikhatshwe ngento yokungxengxezela ityala, ingahambi ingaphethe nto. Xa nenjenjalo niya kuphila, nitsho niyiqonde nembangi yokuba athi rhoqo ukunohlwaya uThixo kaSirayeli.”

4. Abuza amaFilistiya athi: “Ingakhatshwa ngantoni na yokungxengxezela ityala?”Bathi ukuphendula ababingeleli: “Kaloku kufuneka niyikhaphe ngamathumba amahlanu awenziwe ngegolide, kunye neempuku ezintlanu ezenziwe ngegolide; inye kwezo nto imele inkosi yamaFilistiya nganye. Kaloku nonke nabethwa ngobhubhani ngokufanayo kunye neenkosi zenu zontlanu.

5. Ze niyenze ke, bethu, le mifuziselo yamathumba enu nezi mpuku zenu zibhubhisa ilizwe, nimzukise uThixo wamaSirayeli. Mhlawumbi ke angatsho apheze ukunibetha nina kunye *noothixo benu nelizwe lenu.

6. Yini ukuba niqaqadeke, nixele amaJiputa nokumkani wawo? Kaloku uThixo wawaphatha gadalala amaJiputa, aza awayeka amaSirayeli agoduka.

7. “Ngoko ke yenzani inqwelo entsha, nize neemazi ezimbini ezinamankonyane ezingayaziyo idyokhwe. Zibopheni, wona amankonyane niwafake esibaya.

8. Ityesi yomnqophiso kaNdikhoyo ze niyilayishe kuloo nqwelo, nize ecaleni layo nibeke ibhokisi enalaa mifuziselo yenziwe ngegolide, leyo ningxengxeza ngayo kuye. Nize ke iimazi niziyeke zizihambele.

funda isahluko epheleleyo 1 Kasamweli 6