Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kasamweli 30:14-27 Ibhayibhile (XHO96)

14. Sasiye kuthimba kulaa mmandla wamaKreti ukumazantsi elakwaJuda, sadlulela kummandla wakwaKalebhi, senjenjeya saya kutshisa iZikelage.”

15. “Ungasisa apho bakhoyo abo banqolobi?” kubuza uDavide.Wenjenje ukuphendula: “Ewe, ndinganisa ukuba ungafunga uThixo ukuba anizi kundibulala okanye nindinikele kwinkosi yam.”

16. Emva koko ke loo mfo wabasa ooDavide apho babemise kona abanqolobi.Babethe saa abanqolobi abo kuloo ndawo, kutyiwa, kuselwa, kubhiyozelwa amaxhoba angako awayethinjwe kwelamaFilistiya nakwaJuda.

17. Kwathi xa kumpondo-zankomo ngomhla olandelayo, zanqoza, ebahlasela uDavide, zatsho kwada kwangongcwalazi. Akwasinda namnye kubo ngaphandle kwamakhulu amane abafana abasuka bona bakhwela ezinkameleni, babaleka.

18. UDavide wabahlangula bonke abathinjwa bama-Amaleki, wabuya nawo onke loo maxhoba babewathimbile, kunye nabafazi bakhe bobabini, akwabikho nto ingafunyanwanga.

19. Oonyana neentombi zamadoda akhe kunye nawo onke loo maxhoba ama-Amaleki wabuya nawo uDavide.

20. Wabuya nemihlambi yeenkomo neegusha, ahamba eqhuba loo mihlambi amadoda akhe, esithi: “Huntshuu! Amaxhoba kaDavide!”

21. Wesuka apho uDavide, wafika kulawa makhulu mabini amadoda awasala entlanjeni eBhesore ngenxa yokudinwa. Aphuthuma ukuhlangabeza uDavide namadoda akhe. Wawabulisa uDavide, wawabuza nempilo,

22. kodwa kwabakho amatshijolo nabaphembi-qhushululu kubalandeli bakaDavide, abathi: “Aba bebengahambanga nathi. Ngoko abazi kuba nanxaxheba kula maxhoba size nawo. Indoda nganye ingasuka ithathe umfazi wayo nabantwana bayo, ihambe.”

23. Wenjenje ukuwaphendula loo madoda uDavide: “Mawethu, aninako ukwenjenjalo ngento esiyiphiwe nguNdikhoyo! NguNdikhoyo lo usikhuseleyo wasoyisela abaya banqolobi bathimbe izinto zethu.

24. Ayamkeleki le nto niyithethayo. Kaloku umntu osala nemithwalo ufumana isabelo esinye nalo uya edabini. Makunikwe inxaxheba kumntu wonke ngokulinganayo.”

25. Loo mthetho wawiswa nguDavide waba ngummiselo nesiko kwaSirayeli ukususela ngaloo mini.

26. Wathi akufika eZikelage uDavide, wathatha isabelo kuloo maxhoba, wasithumela kumadoda amakhulu angoogxa bakhe kwaJuda, esithi: “Nantso inxaxheba esinabela yona kumaxhoba esiwathimbe kubachasi bakaNdikhoyo.”

27. Wabela abantu baseBhetele, nabaseRama, kwaJuda emazantsi, nakubantu baseYatire,

funda isahluko epheleleyo 1 Kasamweli 30