Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kasamweli 3:1-7 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke kaloku umfana uSamweli wayekhonza *kwaNdikhoyo phambi koEli. Ngaloo mihla udaba oluvela kuNdikhoyo lwalunqabile, kungekho mntu unemibono ivela kuye.

2. UEli wayenorhatyazo emehlweni kangangokuba wayebona luzizi. Ngabusuku buthile uEli wayelele endaweni yakhe,

3. uSamweli yena elele endlwini kaNdikhoyo apho kwakugcinwa khona ityesi yomnqophiso. Kwathi ekuzeni kokusa, isibane sisavutha,

4. uNdikhoyo wavakala ebiza uSamweli.Wasabela uSamweli esithi: “Ndim lo, mhlekazi!”

5. Wakhawuleza waya kuEli, wafika wathi: “Ndim lo; ubundibiza.”Wathi yena uEli: “Hayi, yiya kulala, mfo wam; andikhange ndikubize.” Waya kulala ke.

6. UNdikhoyo wabuya wambiza uSamweli. Wavuka ke umfana, waya kwakuEli, wathi: “Mhlekazi, uyandibiza. Ndim lo!”Kambe yena uEli wathi: “Hayi, andikubizanga; yiya kulala, mfo wam.”

7. Phofu umfana lo yena wayengekamazi uNdikhoyo; kaloku uNdikhoyo wayengekazityhili kuye ngelizwi lakhe.

funda isahluko epheleleyo 1 Kasamweli 3