Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kasamweli 25:8-20 Ibhayibhile (XHO96)

8. Nabo bangayingqina loo nto. Ke ngoku, njengokuba la madodana ndiwathumele kuwe ngomhla wetheko, nceda uwanike nokuba yintoni na, eze nayo apha kum, mna nyana wakho.’ ”

9. Loo madoda awusa kuNabhali loo mlomo kaDavide, aza alinda impendulo.

10. Wavakala uNabhali esithi: “Loo Davide nithetha ngaye ngubani; engubani loo nyana kaJese? Ngathi kuthe saa elizweni zizicaka ezisabayo kwiinkosi zazo ndibonanje.

11. Ndingathini ukuthatha ukutya kwam, nesiselo sam, nenyama endiyixhelele abachebi bam, ndiphise ngayo kumadoda angoovuk' engceni.”

12. Abuyela kwakuDavide loo madodana, afika amxelela konke okuthethwe nguNabhali.

13. UDavide wathi kumadoda akhe: “Xwayani nonke amakrele enu!” Bonke bawaxwaya, waza naye wenjenjalo. Wahamba namakhulu amane amadoda, kwasala amakhulu amabini elinde impahla.

14. Kwesuka esinye kwizicaka zakwaNabhali, saya kuhlebela umkakhe uAbhigeli, safika sathi: “Nkosikazi, uvile na? UDavide ubethumele izigidimi zivela entlango ukuba zizise imibuliso kumhlekazi, wasuka yena wazinukuneza.

15. Kanti ke la madoda ayesiphethe kakuhle. Akazanga asihlupha nganto, saye singazange sibe nanto ilahlekayo ngalo lonke elo xesha sasisendle kunye nawo.

16. Asoloko esikhusela ubusuku nemini ngokuya sasisalusa impahla endle.

17. Khawuyicinge nawe loo nto, ukhangele ukuba wena ungenza ntoni na. Isenokuba yingozi kumhlekazi le nto, nkqu nakumzi wakhe wonke. Ayizonkani kumhlekazi; akeva mntu!”

18. Wagxabha-gxabhisa uAbhigeli, waqokelela amakhulu amabini ezonka, neemvaba ezimbini zizele yiwayini, kunye nenyama yeegusha ezintlanu eyosiweyo, nengqolowa egcadiweyo eziikhilogram ezisixhenxe, nekhulu lezikhinkci zerasentyisi, namafiya aqwayitiweyo alikhulu lezikhinkci. Yonke loo nto wayilayisha phezu kweedonki.

19. Wathi kwizicaka zakhe: “Khokelani; mna ndiza kulandela.” Akazange ase lizwi kumyeni wakhe uNabhali.

20. Kwathi esahamba ngaloo donki yakhe uAbhigeli, xa kanye agwejelayo endulini, wagagana noDavide kunye namadoda akhe, besiza ngakuye.

funda isahluko epheleleyo 1 Kasamweli 25