Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kasamweli 25:1-6 Ibhayibhile (XHO96)

1. Wathi akubhubha uSamweli aqokelelana onke amaSirayeli, aza amzilela. Wangcwatyelwa kowabo eRama uSamweli.Emva koko uDavide wemka waya kuhlala kwintlango iParan.

2. Ke kaloku eMawon bekukho indoda eyayifuya eKarmele. Le ndoda ibimi kakuhle, inewaka leebhokhwe namawaka amathathu eegusha eyayizicheba eKarmele.

3. Igama laloo ndoda lalinguNabhali, lona elomkayo linguAbhigeli. Umfazi lowo wayehlakaniphile eyinzwakazi. Indoda yayingqwabalala, ingenambeko, yona ingumKalebhi.

4. Esentlango apho uDavide weva ukuba uNabhali ucheba iigusha.

5. Wathumela ishumi lamadodana eKarmele ukuba aye kumbuza impilo uNabhali.

6. Wathi ze bambulisele, badlulise iminqweno emihle nakwintsapho yakhe nako konke okwakhe, baze bathi:

funda isahluko epheleleyo 1 Kasamweli 25