Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kasamweli 25:1-10 Ibhayibhile (XHO96)

1. Wathi akubhubha uSamweli aqokelelana onke amaSirayeli, aza amzilela. Wangcwatyelwa kowabo eRama uSamweli.Emva koko uDavide wemka waya kuhlala kwintlango iParan.

2. Ke kaloku eMawon bekukho indoda eyayifuya eKarmele. Le ndoda ibimi kakuhle, inewaka leebhokhwe namawaka amathathu eegusha eyayizicheba eKarmele.

3. Igama laloo ndoda lalinguNabhali, lona elomkayo linguAbhigeli. Umfazi lowo wayehlakaniphile eyinzwakazi. Indoda yayingqwabalala, ingenambeko, yona ingumKalebhi.

4. Esentlango apho uDavide weva ukuba uNabhali ucheba iigusha.

5. Wathumela ishumi lamadodana eKarmele ukuba aye kumbuza impilo uNabhali.

6. Wathi ze bambulisele, badlulise iminqweno emihle nakwintsapho yakhe nako konke okwakhe, baze bathi:

7. “Inkosi yethu uDavide ithi: ‘Ndivile ukuba kuyachetywa kwakho. Ke abelusi bakho babekunye nathi, saza sabaphatha kakuhle, baza abalahlekelwa nto lonke elo xesha babekunye nathi eKarmele.

8. Nabo bangayingqina loo nto. Ke ngoku, njengokuba la madodana ndiwathumele kuwe ngomhla wetheko, nceda uwanike nokuba yintoni na, eze nayo apha kum, mna nyana wakho.’ ”

9. Loo madoda awusa kuNabhali loo mlomo kaDavide, aza alinda impendulo.

10. Wavakala uNabhali esithi: “Loo Davide nithetha ngaye ngubani; engubani loo nyana kaJese? Ngathi kuthe saa elizweni zizicaka ezisabayo kwiinkosi zazo ndibonanje.

funda isahluko epheleleyo 1 Kasamweli 25