Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kasamweli 22:7-23 Ibhayibhile (XHO96)

7. Wathi uSawule kumaphakathi akhe amngqongileyo: “Khanindiphe iindlebe, mawethu akwaBhenjamin! Nicinga ukuba kanene unyana kaJese uza kuninika amasimi nezidiliya, animise nonke nibe ngabaphathi bamabutho namaqela?

8. Ngaba yiyo loo nto nonke senindenzela amayelenqe? Yiyo loo nto kungabangakho namnye kuni okhe wandithela thsuphe ngemvumelwano yonyana wam nonyana kaJese? Bekungasekho mntu na undikhathaleleyo kangangokuba andixelele ukuba uDavide, isicaka sam, ndithethanje undilalele, efuna ukundibulala, exhaswa ngunyana wam?”

9. UDowegi owayengomnye waloo maphakathi ayengqonge uSawule, wangenelela wenjenje: “Ndambona uDavide eye eNobhi kuAhimeleki unyana ka-Ahitubhi.

10. UAhimeleki wabuzela uDavide *kuNdikhoyo, waza wamnika umphako nekrele lomFilistiya uGoliyati.”

11. Emva koko ukumkani uSawule wathumela ukuba kuye kubizwa uAhimeleki unyana ka-Ahitubhi nezalamane zakhe ezazingababingeleli eNobhi. Bonke ke beza kukumkani.

12. Wathi uSawule: “Phulaphula, nyana ka-Ahitubhi!”“Ewe, mhlekazi,” waphendula watsho uAhimeleki.

13. Uqhube wathi uSawule: “Liyelenqe lani eli nindenzela lona wena nonyana kaJese? Umnikeleni ukutya, nekrele, wada wambuzela kuThixo, ukuze asuke andilalele njengokuba kunjalo ngoku?”

14. Uphendule wenjenje uAhimeleki: “Mhlekazi, kungekho sicaka unaso sithembeke ngaphezu kukaDavide nje? Kaloku uDavide ngumyeni wentombi yakho, engumphathi wabagadi bakho, yaye uhlonitshwa ngumntu wonke wakomkhulu.

15. Ndimbuzele kuNdikhoyo, ndaye ndingaqali kwenjenjalo phofu. Nalo mba athetha ngawo umhlekazi andazani nawo mna, nditsho namawethu ephela akazi nto ngawo.”

16. Ukumkani uphethe ngelithi: “Umelwe kukufa, wena Ahimeleki, kunye nomzi wonke kayihlo.”

17. Watsho ebhekisa kubagadi esithi: “Bulalani ababingeleli bakaNdikhoyo! Babebhunga noDavide, abandixelela naxa asabileyo, ukanti babeyazi loo nto.” Bala bona abagadi ukusa isandla kubabingeleli bakaNdikhoyo.

18. Wathi ke uSawule kuDowegi: “Bahlasele aba babingeleli!” Waza uDowegi wabahlasela wababulala bonke. Yayingamashumi asibhozo ababingeleli ababenelungelo lokuphatha *isidanga ababulawa nguDowegi ngaloo mini.

19. Wada wabulala bonke abemi baseNobhi, eyayisisixeko sababingeleli. Kwafa amadoda nabafazi, abantwana neentsana; kwafa zinkomo, zidonki, zigusha, akwasala nto.

20. Kwasinda kuphela uAbhiyatare unyana ka-Ahimeleki, owabalekela kuDavide.

21. Wafika wambalisela ukuba uSawule ubaxabele ababingeleli bakaNdikhoyo.

22. Wathi uDavide kuAbhiyatare: “Ndaqonda kakuhle ndakumbona uDowegi phaya eNobhi ukuba akanakuze angamxeleli uSawule. Ndim obabeke esichengeni abantu bakuni.

23. Seluhlala apha kunye nam, ungaxhali; akukho nto iya kukuthi cha apha. Lowo uzungula ubomi bakho uzungula nobam.”

funda isahluko epheleleyo 1 Kasamweli 22