Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kasamweli 22:3-9 Ibhayibhile (XHO96)

3. Wesuka apho uDavide, waya kwelaseMowabhi eMizpa, wabhekisa kukumkani walapho wenjenje: “Mhlekazi, ubawo nomama ndibacelela indawo apha kuwe, ndide ndiqonde ukuba uThixo iinjongo zakhe ziyintoni na ngam.”

4. Wabashiya apho ke uyise nonina, baza bahlala khona phantsi kokumkani waseMowabhi wonke lo gama yena Davide wayezimele enqabeni.

5. Emva koko kwafika *umshumayeli uGadi kuDavide, wathi: “Musa ukuhlala kule nqaba. Buyela kwaJuda.” Wemka ke apho uDavide, waya kuhlala kwihlathi laseHerete.

6. Ke uSawule weva ukuba uDavide kunye namadoda akhe babhaqiwe. USawule wayeseGibheya, echophe phantsi komthi womtamariske, ephethe umkhonto. Kwakuthe nqwadalala, amaphakathi akhe emngqongile.

7. Wathi uSawule kumaphakathi akhe amngqongileyo: “Khanindiphe iindlebe, mawethu akwaBhenjamin! Nicinga ukuba kanene unyana kaJese uza kuninika amasimi nezidiliya, animise nonke nibe ngabaphathi bamabutho namaqela?

8. Ngaba yiyo loo nto nonke senindenzela amayelenqe? Yiyo loo nto kungabangakho namnye kuni okhe wandithela thsuphe ngemvumelwano yonyana wam nonyana kaJese? Bekungasekho mntu na undikhathaleleyo kangangokuba andixelele ukuba uDavide, isicaka sam, ndithethanje undilalele, efuna ukundibulala, exhaswa ngunyana wam?”

9. UDowegi owayengomnye waloo maphakathi ayengqonge uSawule, wangenelela wenjenje: “Ndambona uDavide eye eNobhi kuAhimeleki unyana ka-Ahitubhi.

funda isahluko epheleleyo 1 Kasamweli 22