Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kasamweli 22:15-23 Ibhayibhile (XHO96)

15. Ndimbuzele kuNdikhoyo, ndaye ndingaqali kwenjenjalo phofu. Nalo mba athetha ngawo umhlekazi andazani nawo mna, nditsho namawethu ephela akazi nto ngawo.”

16. Ukumkani uphethe ngelithi: “Umelwe kukufa, wena Ahimeleki, kunye nomzi wonke kayihlo.”

17. Watsho ebhekisa kubagadi esithi: “Bulalani ababingeleli bakaNdikhoyo! Babebhunga noDavide, abandixelela naxa asabileyo, ukanti babeyazi loo nto.” Bala bona abagadi ukusa isandla kubabingeleli bakaNdikhoyo.

18. Wathi ke uSawule kuDowegi: “Bahlasele aba babingeleli!” Waza uDowegi wabahlasela wababulala bonke. Yayingamashumi asibhozo ababingeleli ababenelungelo lokuphatha *isidanga ababulawa nguDowegi ngaloo mini.

19. Wada wabulala bonke abemi baseNobhi, eyayisisixeko sababingeleli. Kwafa amadoda nabafazi, abantwana neentsana; kwafa zinkomo, zidonki, zigusha, akwasala nto.

20. Kwasinda kuphela uAbhiyatare unyana ka-Ahimeleki, owabalekela kuDavide.

21. Wafika wambalisela ukuba uSawule ubaxabele ababingeleli bakaNdikhoyo.

22. Wathi uDavide kuAbhiyatare: “Ndaqonda kakuhle ndakumbona uDowegi phaya eNobhi ukuba akanakuze angamxeleli uSawule. Ndim obabeke esichengeni abantu bakuni.

23. Seluhlala apha kunye nam, ungaxhali; akukho nto iya kukuthi cha apha. Lowo uzungula ubomi bakho uzungula nobam.”

funda isahluko epheleleyo 1 Kasamweli 22