Amaphakathi kakumkani uAkishe abuza kukumkani athi: “UDavide lo asingokumkani na kowabo? Asinguye lo babesombela ngaye abafazi, besithi: ‘USawule ubulele amawaka, kodwa yen' uDavide uwise amawaka ngamawaka alishumi’?”