Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kasamweli 20:39-42 Ibhayibhile (XHO96)

39. ingazi yona ukuba kwakuqhubeka ntoni na. Loo nto yayisaziwa nguJonatan noDavide kuphela.

40. Wayinika izikrweqe zakhe uJonatan loo nkwenkwe, wathi mayigoduke nazo.

41. Yakuba imkile, uDavide waphuma kuloo ndawo wayezimele kuyo, wathi guqaqa ngamadolo, ekhahlela, ubuso bude buye kutsho emhlabeni izihlandlo zade zaba zithathu. Bangana bobabini belilelana, uDavide elila ngokugqithisileyo.

42. Kwesi sithuba uJonatan uthe kuDavide: “Hamba ngoxolo, mfondini, kuba thina sobabini sifungile egameni likaNdikhoyo. Ngoko ke uNdikhoyo ulingqina phakathi kwam nawe, naphakathi kwenzala yam neyakho.” UDavide ke wemka, waza yena uJonatan wabuyela edolophini.

funda isahluko epheleleyo 1 Kasamweli 20