Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kasamweli 20:31-42 Ibhayibhile (XHO96)

31. Wena kunye nobukumkani bakho akusoze uzinze esaphila unyana kaJese. Yiza naye apha ke ngoku – ndimfuna efile!”

32. UJonatan ubuze kuyise wenjenje: “Uza kubulawelwa ntoni? Wenze tyala lini?”

33. Kweso sithuba uSawule wajula umkhonto, efuna ukumbulala uJonatan. Waqonda mhlophe ke uJonatan ukuba uyise uzimisele mpela ukumcim' igama uDavide.

34. Wemka kuloo tafile efutha ngumsindo uJonatan. Akasa nasuntswana eli emlonyeni ngaloo mini yesibini yetheko. Wayebuhlungu yindlela ekrwada uyise amphathe ngayo uDavide.

35. Ngengomso uJonatan waya endle kuDavide ngokwesigqibo sabo. Wayehamba nenkwenkwana,

36. wathi kuyo: “Baleka ulande iintolo zam ndakuzidubula.” Yabaleka ngaphambili loo nkwenkwe, uJonatan wadubula utolo lwaya kuwa ngaphaya kwayo.

37. Ithe yakufika ngakuloo ndawo beluwe kuyo utolo loo nkwenkwe, wayikhwaza uJonatan, esithi: “Kwedini, utolo naluya ngaphaya kwakho!

38. Umele ntoni apho! Baleka!” Yaluchola olo tolo inkwenkwe, yalusa kwinkosi yayo,

39. ingazi yona ukuba kwakuqhubeka ntoni na. Loo nto yayisaziwa nguJonatan noDavide kuphela.

40. Wayinika izikrweqe zakhe uJonatan loo nkwenkwe, wathi mayigoduke nazo.

41. Yakuba imkile, uDavide waphuma kuloo ndawo wayezimele kuyo, wathi guqaqa ngamadolo, ekhahlela, ubuso bude buye kutsho emhlabeni izihlandlo zade zaba zithathu. Bangana bobabini belilelana, uDavide elila ngokugqithisileyo.

42. Kwesi sithuba uJonatan uthe kuDavide: “Hamba ngoxolo, mfondini, kuba thina sobabini sifungile egameni likaNdikhoyo. Ngoko ke uNdikhoyo ulingqina phakathi kwam nawe, naphakathi kwenzala yam neyakho.” UDavide ke wemka, waza yena uJonatan wabuyela edolophini.

funda isahluko epheleleyo 1 Kasamweli 20