Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kasamweli 2:14-27 Ibhayibhile (XHO96)

14. Besihlaba ngayo epanini, nokuba kuseketileni, okanye esityeni sokupheka, kungenjalo embizeni nje, aze umbingeleli azithathele loo ndawo iphume nefolokhwe. Kwakuqhutywa ngolu hlobo kuwo onke amaSirayeli ayeye eShilo.

15. Kodwa ngoku bekuthi, singekatshi siphele isiqhumiso samanqatha, suka isicaka sombingeleli siye kuloo mfo unikezela idini, sithi kuye: “Nika umbingeleli inyama, ose! Akayifuni inyama yakho ephekiweyo; ufuna ekrwada.”

16. Ukuba loo mntu uphendule wathi: “Kaloku kufuneka siqale sitshe siphele isiqhumiso samanqatha, wandule ukuthatha loo ndawo uyithandayo,” besisithi isicaka sombingeleli: “Hayi, ndinike ngoku; kungenjalo ndoyithatha ngetshova.”

17. Esi sono soonyana bakaEli sokudela iminikelo sasisikhulu kakhulu emehlweni kaNdikhoyo.

18. Yena uSamweli wayehlala ekhonza endlwini *kaNdikhoyo – inkwenkwana ethiwe wambu ngesidanga selineni.

19. Minyaka le unina wayedla ngokumenzela umnwetyana, aye nawo eShilo, xa umyeni wakhe aye kwenzela uNdikhoyo idini lonyaka.

20. UEli wayemthamsanqelisa uElikana nomkakhe uHana, athi: “Ubenga uNdikhoyo angenza lo mfazi akuzalele abanye abantwana endaweni yalo wamcelayo waza wamnikela kuye,” baze ke emva koko bagoduke.

21. UNdikhoyo ngenene wamvelela uHana, waza wamitha, wazala abanye oonyana abathathu kunye neentombi ezimbini. Yona inkwenkwe uSamweli yakhulela kwaNdikhoyo.

22. UEli ngeli xesha wayeselaluphele mpela. Wayesoloko esiva ngemikhwa emibi yoonyana bakhe kumaSirayeli. Wayiva nento yokuba babelala abafazi ababekhonza ngasemasangweni enkundla *yesibingelelo *sikaNdikhoyo.

23. Wabakhalimela wathi: “Yeyantoni le ntlondi niyenzayo ebaliswa ngabantu bonke!

24. Hayi, bantwana bam, imbi le nto endiyiva ithethwa ngani ngabantu bakaNdikhoyo!

25. Kaloku umntu one omnye umntu angathethelelwa phambi koThixo; angalanyulelwa kanjani ke xa one uNdikhoyo ngokwakhe?”Ke bona oonyana bakhe abazange bamhoye, naye uNdikhoyo wayeselezimisele ukubatshabalalisa.

26. Ke yena uSamweli wakhula ngesithomo, ebabalwa nguNdikhoyo, ethandwa nangabantu.

27. Kwafika umfo wakwaThixo kuEli, wathi: “Utsho *uNdikhoyo ukuthi: ‘Wazi kakuhle ukuba ndazityhila kookhokho bakho, xa babengamakhoboka eJiputa phantsi kokumkani walapho.

funda isahluko epheleleyo 1 Kasamweli 2