Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kasamweli 2:1-7 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke kaloku uHana wathandaza emtyibela *uNdikhoyo, wathi:“Intliziyo yam inemincili ngawe, Ndikhoyo!Uphondo lwam luphakanyisiwe nguwe.Awuhlangani umlomo wam kukuqhayisela iintshaba zam,ndichulumanca lusindiso lwam.

2. Hayi, akakh' onjengawe;hayi bo, wahlukile wena, Ndikhoyo!Akukh' ongxondorha injengoThixo wethu!

3. “Yithini tu! Yekan' ukuzingca!Yithini cwaka, niyek' ukuzigwagwisa!Kaloku uNdikhoyo ngumazi wezinto zonke;nguye ogocagoca izenzo zabantu.

4. Izikhali zamakhalipha ziwile;ababekhubekile bathiwe jize ngobukrothi.

5. Izihluthi zijika zibe ngabangqibi,izilambi zidlokove yintlutha.Usitshw' isixhenxe umfaz' ongazaliyo,az' ozalayo asal' ejijitheka.

6. NguNdikhoyo obulal' abuy' aphilise;utshonisa engcwabeni abuy' avuse.

7. Busesandleni sikaNdikhoyo ubutyebi nobuhlwempu,ngokunjalo ukuphakanyiswa nokuthotywa;

funda isahluko epheleleyo 1 Kasamweli 2