1. Ke kaloku uHana wathandaza emtyibela *uNdikhoyo, wathi:“Intliziyo yam inemincili ngawe, Ndikhoyo!Uphondo lwam luphakanyisiwe nguwe.Awuhlangani umlomo wam kukuqhayisela iintshaba zam,ndichulumanca lusindiso lwam.
2. Hayi, akakh' onjengawe;hayi bo, wahlukile wena, Ndikhoyo!Akukh' ongxondorha injengoThixo wethu!
3. “Yithini tu! Yekan' ukuzingca!Yithini cwaka, niyek' ukuzigwagwisa!Kaloku uNdikhoyo ngumazi wezinto zonke;nguye ogocagoca izenzo zabantu.
4. Izikhali zamakhalipha ziwile;ababekhubekile bathiwe jize ngobukrothi.
5. Izihluthi zijika zibe ngabangqibi,izilambi zidlokove yintlutha.Usitshw' isixhenxe umfaz' ongazaliyo,az' ozalayo asal' ejijitheka.