Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kasamweli 19:1-7 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke kaloku uSawule waxelela unyana wakhe uJonatan kunye namaphakathi akhe ukuba uDavide makabulawe. Phofu uJonatan wayevana kakhulu noDavide.

2. Usuke ke uJonatan waya kuchazela uDavide, esithi: “Ubawo uzama indlela yokukubulala; uze ulumke ke ngomso kusasa. Uze uye kufuna indawo yokuzimela, uhlale apho.

3. Mna ndiza kuya nobawo apho endle, ndifike ndime naye kuloo ndawo uzimele kuyo, ndithethe ngawe kuye. Ukuba ndive nto yimbi, ndobe ndikwazise.”

4. UJonatan wathetha ngoDavide kuSawule, emncoma esithi: “Mhlekazi, noko ngewungamenzi nto imbi umkhonzi wakho uDavide; akukho nto wakha wakona ngayo. Usuke waba luncedo kakhulu kuwe ngayo yonke into ayenzileyo.

5. Nangamhla wabulala uGoliyati obakhe ubomi wabubeka esichengeni, waza *uNdikhoyo wawanika uloyiso olukhulu amaSirayeli. Yaye nawe wavuya kakhulu ukuyibona le nto. Yini na ukuba wone umntu ongenatyala, umbulale uDavide kungekho sizathu?”

6. Yavakala le ntetho kaJonatan kuSawule, watsho wafunga wathi: “Ekho nje uNdikhoyo, akayi kubulawa uDavide.”

7. Emva koko ke uJonatan wambiza uDavide, wamchazela ngengxoxo yakhe noyise. Ukusuka apho waya naye kuSawule, waza ke uDavide wabuyiselwa kwasesikhundleni sakhe komkhulu.

funda isahluko epheleleyo 1 Kasamweli 19