Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kasamweli 18:23-30 Ibhayibhile (XHO96)

23. Amaphakathi ke awathetha loo mazwi kuDavide. Yena wenjenje ukuphendula: “Nicinga ukuba kuyinto elula na ukuba ngumkhwenyana kakumkani? Kaloku mna ndilihlwempu elingaziwayo.”

24. Amaphakathi kaSawule aya kumxelela okwathethwa nguDavide.

25. USawule wathi: “Yitshoni kuDavide ukuthi: ‘Kuphela kwakhazi alifunayo kuwe ukumkani ngamajwabu amaFilistiya alikhulu awe edabini. Ufuna ukuziphindezela ngolo hlobo kwiintshaba zakhe.’ ” Kaloku yayilicebo likaSawule lokubulala uDavide ngesandla samaFilistiya.

26. Ayixela le nto amaphakathi kaSawule kuDavide, yalunga loo nto kuye ukuba abe ngumkhwenyana kakumkani. UDavide akaphozisanga maseko,

27. waphuma namadoda omkhosi wakhe, wabulala amakhulu amabini amaFilistiya. Waya nezo nyama zazisikwe kuwo, wazinika ukumkani zonke, ukuze abe ngumkhwenyana kakumkani. Waza ke uSawule wendisela uMikali intombi yakhe kuDavide.

28. Waqonda kakuhle ngoku uSawule ukuba *uNdikhoyo ukunye noDavide. Nayo intombi yakhe uMikali yayimthanda uDavide.

29. USawule wamoyika ngakumbi uDavide, waba lutshaba kuye bonke ubomi bakhe.

30. Iinkokheli zamaFilistiya zazimana ukuwahlasela amaSirayeli. Kuwo onke loo madabi uDavide wayetshatshela ukudlula zonke ezinye iinkokheli eziphantsi koSawule. Ngenxa yaloo nto ke igama likaDavide laba nodumo.

funda isahluko epheleleyo 1 Kasamweli 18