Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kasamweli 17:7-16 Ibhayibhile (XHO96)

7. Umkhonto wawungangesibonda, ubutsolo bawo obenziwe ngentsimbi bumalunga nesixhenxe seekhilogram ubunzima. Wayenomfo othwala ikhaka lakhe ehamba ngaphambi kwakhe.

8. UGoliyati wema bhuxe, wakhwaza ebhekisa kwizintlu zamaSirayeli, wathi: “Wa, zicakandini zikaSawule, nenzani apho? Makuliwe! NdingumFilistiya mna; mayiphume ngapha ibe nye, sigagane.

9. Ukuba indoyisile yandibulala, soba zizicaka zenu thina. Xa indim owoyisileyo, nina noba zizicaka zethu.

10. Ndim lo, ndinibeka ehlazweni, maSirayeli. Khuphani indoda ibe nye, sihlangane!”

11. Boyika, bagubha ooSawule namadoda omkhosi wakhe, bakuyiva into ethethwa nguloo mFilistiya.

12. UDavide wayengunyana kaJese umEfrata waseBhetelehem kwaJuda. UJese wayenoonyana abasibhozo. Wayeselemdala kakhulu ngexesha ekwakulawula uSawule.

13. Oonyana bakhe abakhulu abathathu baya emfazweni kunye nomkhosi kaSawule. Omkhulu yayinguEliyabhi, kuze uAbhinadabhi, kulandele uShama.

14. UDavide yena wayenguntondo. Lo gama abakhuluwa bakhe babenoSawule,

15. yena uDavide wayedla ngokuthi ekwaSawule abe emana egoduka aye eBhetelehem, esiya kwalusa iigusha zikayise.

16. Yaba ngamashumi amane eentsuku uGoliyati mihla le ecela umngeni kumaSirayeli kusasa nangokuhlwa.

funda isahluko epheleleyo 1 Kasamweli 17