Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kasamweli 17:6-11 Ibhayibhile (XHO96)

6. Imilenze nayo yayikwakhuselwe ngobhedu, exwaye intshuntshe yobhedu.

7. Umkhonto wawungangesibonda, ubutsolo bawo obenziwe ngentsimbi bumalunga nesixhenxe seekhilogram ubunzima. Wayenomfo othwala ikhaka lakhe ehamba ngaphambi kwakhe.

8. UGoliyati wema bhuxe, wakhwaza ebhekisa kwizintlu zamaSirayeli, wathi: “Wa, zicakandini zikaSawule, nenzani apho? Makuliwe! NdingumFilistiya mna; mayiphume ngapha ibe nye, sigagane.

9. Ukuba indoyisile yandibulala, soba zizicaka zenu thina. Xa indim owoyisileyo, nina noba zizicaka zethu.

10. Ndim lo, ndinibeka ehlazweni, maSirayeli. Khuphani indoda ibe nye, sihlangane!”

11. Boyika, bagubha ooSawule namadoda omkhosi wakhe, bakuyiva into ethethwa nguloo mFilistiya.

funda isahluko epheleleyo 1 Kasamweli 17