Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kasamweli 17:53-58 Ibhayibhile (XHO96)

53. Ukubuya kwawo ekusukeleni amaFilistiya, amaSirayeli aya kuthatha amaxhoba kwikampu yomkhosi wamaFilistiya.

54. UDavide yena wathatha intloko kaGoliyati, waya nayo eJerusalem, zona izikrweqe zikaGoliyati wazigcina ententeni yakhe.

55. USawule akubona uDavide esiya kulwa noGoliyati wabuza kuAbhinere umphathi-mkhosi, wathi: “Yinto kabani laa ntwana?”UAbhinere wathi: “Mhlekazi, inene, andinalwazi konke.”

56. Wathi uSawule: “Hamba ubuzisa kaloku, siqonde ukuba ungunyana kabani laa mfana.”

57. Uthe ke akubuyela ekampini uDavide, emva kokuba ebulele uGoliyati, uAbhinere wamsa kuSawule. Wayesaphethe loo ntloko kaGoliyati uDavide.

58. USawule wambuza wathi: “Uyinto kabani, mfo wam?”Wathi uDavide: “Ndingunyana wesicaka sakho uJese waseBhetelehem.”

funda isahluko epheleleyo 1 Kasamweli 17