Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kasamweli 17:44-47 Ibhayibhile (XHO96)

44. “Sondela, loo mzinjana wakho ndiwuphose kumaxhalanga namarhamncwa,” waqokela watsho.

45. Uthe yena uDavide kumFilistiya lowo: “Uza kum uphethe ikrele, umkhonto, nentshuntshe, wena; kodwa mna ndiza kuwe egameni likaNdikhoyo onamandla onke, uThixo womkhosi wakwaSirayeli, lo wena uwudelileyo.

46. Namhla oku uNdikhoyo uza kukunikela kum. Ndiza kukuwisa, ndikunqumle intloko. Izidumbu zomkhosi wamaFilistiya zona ndoziphosa kumaxhalanga namarhamncwa, lonke elimiweyo likwazi ukuba uSirayeli unoThixo.

47. Sonke esi sihlwele esihlangene apha soqonda ukuba uNdikhoyo akadingi makrele namikhonto ukusindisa abantu bakhe. Nguye olilawulayo idabi, yaye nonke uza kuninikela ezandleni zethu.”

funda isahluko epheleleyo 1 Kasamweli 17