Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kasamweli 17:37-45 Ibhayibhile (XHO96)

37. UNdikhoyo owandisindisayo koozingonyama noomabhere nangoku uza kundisindisa kulo mFilistiya.”“Kulungile ke, yiya, mfo wam; ubenga uNdikhoyo anganawe,” watsho uSawule.

38. Watsho enika uDavide ezakhe izikhuselo, wamthwesa umnqwazi wobhedu, wamfaka nesikhuselo somzimba.

39. UDavide waxwaya ikrele likaSawule, waza wanga angahamba, suka akaba nako, kuba wayengaziqhelanga ezi zixhobo. Ubhekise kuSawule wathi: “Andikwazi ukuhamba ndinxibe ezi zinto; kaloku andiziqhelanga.” Watsho wazikhulula zonke.

40. Wathatha intonga yakhe, wachola amatye ampuluswa amahlanu apho entlanjeni, wawafaka engxoweni yakhe yokwalusa. Warhola *inkwitshi yakhe, wahamba ukuya kugagana nomFilistiya lowo.

41. Yena umFilistiya wanyantsula esondela ngakuDavide, umphathi-khaka wakhe ehamba ngaphambi kwakhe.

42. UmFilistiya akumbona uDavide wamdela, kuba kaloku uDavide wayeselula, eyinzwana, ebusweni ekhangeleka esegazini.

43. Uvakele esithi kuDavide: “Uza kwenzani ngezo ntonga? Uba ndiyinja?” Watsho etyibela uDavide ngeziqalekiso *zoothixo bakhe.

44. “Sondela, loo mzinjana wakho ndiwuphose kumaxhalanga namarhamncwa,” waqokela watsho.

45. Uthe yena uDavide kumFilistiya lowo: “Uza kum uphethe ikrele, umkhonto, nentshuntshe, wena; kodwa mna ndiza kuwe egameni likaNdikhoyo onamandla onke, uThixo womkhosi wakwaSirayeli, lo wena uwudelileyo.

funda isahluko epheleleyo 1 Kasamweli 17