Basuka abantu bathi: “NguJonatan lo uza kubulawa? Asinguye lo uzisele uSirayeli uloyiso olungaka? Unotshe! Sifunga uThixo ophilayo, akayi kuthiwa cha nto. Kuyo yonke into abeyenza namhlanje ubencedwa nguThixo.” Baba ke abantu bayamsindisa ekufeni uJonatan ngaloo ndlela.