Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kasamweli 12:10-23 Ibhayibhile (XHO96)

10. Babuya bazibika kuNdikhoyo, besithi: ‘Ewe, sonile, kuba sikufulathele, Ndikhoyo, sanqula ooBhali nooAshtaroti. Sihlangule kwiintshaba zethu; sokhonza wena!’

11. UNdikhoyo ke wathumela uGidiyon, noBharaki, noJefta, waza wagqibela ngam. Wanihlangula kwiintshaba zenu macala onke, nahlala ngenzolo.

12. Kodwa nithe nakuqonda ukuba ukumkani uNahashe wama-Amon ufuna ukunihlasela, neza kum, nathi: ‘Sifuna ukumkani wethu,’ naxa uNdikhoyo uThixo wenu engukumkani wenu.”

13. Utyatyadule wathi uSamweli: “Nanku ke ukumkani enimkhethileyo. Ufunwe nini ke; uNdikhoyo uyanikhululela ke ngoku.

14. Kuya kuba hele, kube chosi, ukuba nje uNdikhoyo uThixo wenu niyamhlonela, nimkhonze, nimphulaphule, ningaphikisani nomyalelo wakhe, koko nimlandele nikunye nokumkani wenu onilawulayo.

15. Kodwa ukuba animva uNdikhoyo, niphikisane nomyalelo wakhe, wonichasa njengoko wenjenjalo kooyihlo-mkhulu.

16. “Ngoku ke, yimani ngxishi, khon' ukuze nikubone oko kukhulu aza kukwenza uNdikhoyo.

17. Naxa ilixesha lokuvuna ingqolowa eli, ndiza kutsho kuNdikhoyo ahlise imvula neendudumo. Niya kuqonda ke ukuba imbi kuNdikhoyo le nto yokufuna kwenu ukumkani.”

18. Wathandaza wabhekisa kuNdikhoyo ke uSamweli, kwaza kwangaloo mini kwafika iindudumo kunye nemvula, zithunyelwe nguNdikhoyo. Abantu ke ngoko bamoyika uNdikhoyo ngokunjalo noSamweli.

19. Bonke bathi kuSamweli: “Sithandazele kuNdikhoyo uThixo wakho, singafi, thina zicaka zakho. Kuzo zonke izono zethu ebesikade sizenza songeze nobu bubi bokuzicelela ukumkani.”

20. USamweli wathi: “Ze ningoyiki! Ewe kambe, naxa nenze bonke obu bubi, nize ningaphambuki nimke kuNdikhoyo, koko nize nimkhonze ngomxhelo uphela.

21. Nize ningarhorhozeli emva *koothixo abangento. Abanako ukuninceda, bengenako ukunihlangula. Kaloku bona zizinto ezingento nje.

22. Ngenxa yegama lakhe elikhulu uNdikhoyo akayi kubalahla abantu bakhe, kuba kwakholeka kuye ukunenza abantu bakhe ncakasana.

23. Mna okokwam andingekhe ndimone uNdikhoyo ngokuyekelela ukunithandazela. Ndizimisele ukunifundisa ukuhamba indlela ethe mbo.

funda isahluko epheleleyo 1 Kasamweli 12