kwizahluko

  1. 1
  2. 2
  3. 3
  4. 4
  5. 5
  6. 6
  7. 7
  8. 8
  9. 9
  10. 10
  11. 11
  12. 12
  13. 13
  14. 14
  15. 15
  16. 16
  17. 17
  18. 18
  19. 19
  20. 20
  21. 21
  22. 22
  23. 23
  24. 24
  25. 25
  26. 26
  27. 27
  28. 28
  29. 29
  30. 30
  31. 31

Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kasamweli 11 Ibhayibhile (XHO96)

USawule uchitha umkhosi wama-Amon

1. Ukumkani uNahashe wama-Amon wahlasela idolophu iJabheshe ekummandla wamaGiliyadi, wayivingcela. Amadoda onke alapho eJabheshe athi kukumkani uNahashe: “Masenze umnqophiso woxolo. Siyavuma ukukuthobela.”

2. UNahashe uthe ukuphendula: “Loo mnqophiso ndiya kuwenza kuphela xa sivanayo ukuba ndikrolonqe iliso lasekunene kumntu ngamnye, khon' ukuze ndiwahlazise amaSirayeli.”

3. Athe ukuphendula amadoda amakhulu aseJabheshe: “Khawusiphe iintsuku zibe sixhenxe, sikhe sithumele izigidimi kulo lonke elakwaSirayeli kuqala. Ukuba akakho osihlangulayo, sozincama sinikezele.”

4. Ezo zigidimi zaya kugaleleka eGibheya kuloSawule. Zathi zakuziphalaza ezo ndaba, basitsho abantu isikhalo.

5. Wayesafika evela emasimini neenkabi zakhe uSawule. “Kwenzeke ntoni ebantwini? Sisijwili sani esi basenzayo?” NguSawule obuzayo. Abantu bamxelela ezo ndaba zazize nezigidimi zaseJabheshe.

6. Akuyiva loo nto uSawule wafikelwa nguMoya kaThixo ngamandla, wabila ngumsindo.

7. Wathatha iinkabi zambini, wazihlahla zayimibengo, wathi izigidimi maziyise kulo lonke elakwaSirayeli, zihambe ziyala abantu zisithi: “Umntu ongayiyo emfazweni kunye noSawule noSamweli iinkabi zakhe zoba yimibengo.”AmaSirayeli onganyelwa kukuhlonela uNdikhoyo, aphuma onke, akwasala nempunde le.

8. USawule wawaqokelela eBhezeki. Yayingamakhulu mathathu amawaka amadoda avela kwaSirayeli, namashumi mathathu amawaka amadoda avela kwaJuda.

9. Izigidimi ezivela eJabheshe kwathiwa mazigoduke nomyalezo othi: “Ze niwaxelele amawenu nithi: ‘Ngomso oku, ngemini emaqanda, nobe nihlangulwe.’ ” Bavuya kakhulu wakufika loo myalezo abantu baseJabheshe.

10. Bathumela kuma-Amon, bathi: “Siyanikezela ngomso, yaye ningenza unothanda ngathi.”

11. Kwangentseni ngengomso uSawule wawenza amabutho amathathu umkhosi wakhe. Wasuka indulumbane ukuphuma kwekhwezi, wawahlasela ama-Amon. Kuthe kwakuba yimini emaqanda baba sebewaxhaxhile. Aba ziintsali amadoda asindileyo, iyileyo izihambela yodwa.

12. Emva koko amadoda aya kuSamweli, afika athi: “Aphi laa madoda ayesithi: ‘Singaphathwa nguSawule na thina?’ Wakhuphe, siwacime igama!”

13. “Akuyi kubulawa mntu namhlanje, kuba olu lusuku uNdikhoyo ahlangule ngalo uSirayeli,” watsho uSawule.

14. USamweli yena uvakele esithi: “Yizani, makuyiwe eGiligali, sizinzise ubukumkani bukaSawule.”

15. Kwayiwa ke, baza apho, ngaphambi kukaNdikhoyo, bazinzisa ubukumkani bukaSawule. Kwenziwa amadini obudlelwane apho, uSawule namaSirayeli ephela bebhiyozela eso siganeko.